2 Samuel 6:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Davide wati ku‐Mikali: Ebusweni bukayehova, ondinyulileyo pezu kwoyihlo, napezu kwayo yonke indlu yake, ukundimisa inkosi pezu kwabantu bakayehova, pezu kwo‐Sirayeli; ewe, ebusweni bukayehova ndiya kudlala:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuMikali, Kube kusebusweni bukaYehova, owandinyulayo phambi koyihlo, naphambi kwendlu yakhe yonke, ukuba andimise ndibe yinganga yabantu bakaYehova, amaSirayeli;bekusebusweni bukaYehova ukuqamba kwam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke wathi uDavide kuMikali: “Ndandiphambi koYehova owandinyula phambi koyihlo naphambi kwendlu yakhe yonke ukuba andimisele ukuba ndibe ngumlawuli wabantu bakaYehova amaSirayeli; ke ngoko ndiya kuvuma phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide waphendula wathi kuMikali: “Mna into ebendiyenza bendidumisa uNdikhoyo ngokuya bendixhentsa, lo ndityunjwe nguye ukuba ndikhokele amaSirayeli endaweni kayihlo kunye nendlu yakhe. Ndiya kumdumisa uNdikhoyo,