2 Samuel 6:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bakwelisa ityeya katixo enqwelweni entsha, bayisusa endlwini ka‐Abinadabi, ebise‐Gibeha: bati u‐Huza no‐Ahiyo, onyana baka‐Abinadabi, babexesha lonqwelo entsha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayikhwelisa kwinqwelo entsha ityeya yoTHIXO oyinyaniso baza bayisusa endlwini ka-Abhinadabhi eyayiseGibheya; U-Uza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, babeqhuba imoto entsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi.