2 Samuel 6:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka waqumba u‐Davide ngenxa yokuba uyehova ebenzile isityobozelo pezu kwo‐Huza; ngako wayibiza londawo ngokuti yi‐Peretse‐huza, kude kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wavutha ngumsindo ngenxa yokuba uYehova ebemisele u-Uza; kwaye loo ndawo yiPeretsusa kude kube namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.