2 Samuel 7:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubabandezele, njengasekuqaleni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, ndiya kubanyulela indawo abantu bam amaSirayeli ndize ndibaqinise, ukuze bahlale endaweni yabo, bangabi sagungqiswa kwakhona; oonyana bobutshijolo bangabi sabacinezela njengangaphambili;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,