2 Samuel 7:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuselokwalomhla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli; nawe ndikupumzile kuzo zonke intshaba zako. Kanjako uyehova uyashumayela kuwe, okokuba uyehova uya kukwenzela indlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi. Ndiya kukuphumza ezintshabeni zakho zonke. UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kukwenzela indlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela kwixesha endayalela ngalo abagwebi ukuba babalawule abantu bam amaSirayeli, ndaza ndaninika ukuphumla ezintshabeni zenu zonke. Kwakhona uYehova ukuxelela ukuba uya kukwenzela indlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho. “ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho.