2 Samuel 7:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku bekusencinane noko emehlweni ako, Nkosi, Yehova! ngokuba utetile kanjalo ngayo indlu yesicaka sako kude kube kude. Eli ke lisiko labantu na, Nkosi, Yehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova;uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, uNkosi yam Yehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bekusekuncinane oko emehlweni akho, Nkosi enguMongami Yehova; Wathetha ixesha elide ngendlu yomkhonzi wakho. Le yindlela yomntu na, Nkosi yam Yehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?