2 Samuel 7:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wena, Yehova wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli! utyilele indlebe yesicaka sako, usiti: Ndiya kukwakela indlu; ngako oko isicaka sako sifumene entliziyweni yaso ukutandaza lomtandazo kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu;ngenxa yoko umkhonzi wakho uyifumene intliziyo yokuze awuthandaze kuwe lo mthandazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhile kumkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho wayifikelela intliziyo yakhe ukuba awuthandaze lo mthandazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo.