2 Samuel 7:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako kaloku makukoleke kuwe ukutamsanqela indlu yesicaka sako, ukuba ibeko ebusweni bako kude kube ngunapakade; ngokuba wena, Nkosi, Yehova! utetile; nangetamsanqeliso lako iya kutanyusanqelwa indlu yesicaka sako kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuze ihlale ihleli phambi kobuso bakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ngenxa yokuba wena, iNkosi enguMongami uYehova uthethile; yaye indlu yomkhonzi wakho mayisikelelwe ngentsikelelo yakho ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”