2 Samuel 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam, pezu kwo‐Sirayeli:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko wotsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndakuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke wothi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Mna ndakuthabatha esibayeni, emva komhlambi, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.