2 Samuel 7:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndabendiko nawe kuzo zonke indawo apo ubuhamba kona, nazo zonke intshaba zako ndizinqamlile ebusweni bako; kanjalo ndikwenzele igama elikulu, njengegama labakulu abasemhlabeni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndandinawe naphi na apho wawusiya khona, yaye ndazitshabalalisa zonke iintshaba zakho phambi kwakho ndaza ndakwenzela igama elikhulu njengegama labo bakhulu ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni.