2 Samuel 8:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula u‐Tohi watuma u‐Yorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadadezere wambeta; (ngokuba u‐Tohi ebenzile imfazwe no‐Hadadezere;) nasesandleni sake beziko impahla zesilivere, nempahla zegolide, nempahla zexina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UToyi wamthuma uYoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele ngenxa yokuba ebelwile noHadadezere wamxabela; ngokuba uToyi ubengumfo obesilwa noHadadezere; waye uYoram lowo eneempahla zesilivere, neempahla zegolide, neempahla zobhedu esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uYehoram unyana wakhe wathumela kuKumkani uDavide ukuba ambulise aze amsikelele ngenxa yokuba wayelwe noHadadizere waza wamoyisa; ngenxa yokuba uHadadezere wayesilwa noToyi. uYoram weza neempahla zesilivere, nezegolide, nezobhedu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.