2 Samuel 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wazenzela igama, akubuya ekuwabulaleni ama‐Siriya emhlanjeni we‐Tyuwa, amawaka alishumi elinesibozo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazenzela igama uDavide ekubuyeni kwakhe ekuwaxabeleni ama-Aram eSihlanjeni seTyuwa, ebulele ishumi elinesibhozo lamawaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wazenzela igama ekubuyeni kwakhe ekuwaxabeleni ama-Aram kwiNtlambo yeTyuwa, ishumi elinesibhozo lamawaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa.