2 Samuel 8:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabeta nama‐Mowabi, wawalinganisa ngentambo, ewalalisa ngasemhlabeni; walinganisa ngentambo ezimbini zokuba kufiswe, nangentambo ezeleyo yokuba kulondolozwe ebomini: aza ama‐Mowabi aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawaxabela amaMowabhi, wawalinganisa ngolutya, ewalalisa emhlabeni; walinganisa izintya zambini zokubulala, nolutya lwalunye oluzalisekileyo lokusindisa. Ke amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawaxabela amaMowabhi, wawalinganisa ulutya lokulinganisa, wawawisa; nangeentambo zokulinganisa zibe mbini, ukuze usindise ubomi ngomsonto wonke. Ngoko ke amaMowabhi aba ngabakhonzi bakaDavide abazisa izipho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi. Uwalalise phantsi emhlabeni, wathatha intambo, wawalinganisa ngayo, isibini sobude bawo wasibulala, ke sona esesithathu sisonke wasiyeka saphila. AmaMowabhi aba phantsi kukaDavide ke, amnika imirhumo.