2 Samuel 8:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wabeta u‐Hadadezere, unyana ka‐Rebobi, ukumkani we‐Tsoba, ekuhambeni kwake ukuya kubuyisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wamxabela uHadadezere, unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha, ekuyeni kuwabuyisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wahlala noHadade-Ezere, unyana kaRehobhi, ukumkani waseSobha, ekubuyeni kwakhe, walibuyisela ilizwe lakhe emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi, xa kanye wayezama ukubuyisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.