2 Samuel 8:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namakulu asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo; waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo a wenqwelwana zalikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wathimba iwaka leenqwelo zokulwa, namakhulu asixhenxe abamahashe, namashumi amabini amawaka angumqikela;uDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wathimba iwaka leenqwelo zokulwa, namakhulu asixhenxe abamahashe, namashumi amabini amawaka omqikela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.