2 Samuel 8:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ama‐Siriya ase Damakusi eza ukumnceda u‐Hadadezere ukumkani we‐Tsoba; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda angamawaka angamashumi mabini anamabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ama-Aram aseDamasko eza kumnceda uHadadezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akufika ama-Aram evela eDamasko esiza kumnceda uHadade-Ezere ukumkani waseSobha, uDavide wabulala ama-Aram amashumi amabini anamabini amawaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.