2 Samuel 9:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uya kumlimela umhlaba, wena nonyana bako, nezicaka zako, ungenise iziqa̔mo, ukuze unyana wenkosi yako abe nesonka, ukuba adle; kodwa u‐Mefiboshete, unyana wenkosi yako, womana ukudla isonka ngasetafileni yam. Kekaloku u‐Tsiba ebenonyana balishumi elinabahlanu, nezicaka zamashumi mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, umzisele abe nokudla unyana wenkosi yakho, adle; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kudla ngamaxesha onke etafileni yam. Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinantlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, nimtyale umhlaba, nimvelise iziqhamo, adle unyana wokumkani wenu; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kusoloko esidla isonka etafileni yam. UZibha ubenoonyana abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka.