2 Samuel 9:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Tsiba wati kukumkani: Njengako konke inkosi yam ukumkani isiyalele isicaka sayo, siya kwenje njalo isicaka sako. Kanjalo u‐Mefiboshete, watsho ukumkani, esidla ngasetafileni yam, woba njengomnye wonyana bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uTsibha kukumkani, Ngokwento yonke emwisele umthetho ngayo umkhonzi wayo inkosi yam ukumkani, uyakwenjenjalo umkhonzi wakho. UMefibhoshete wadla etafileni yakhe, njengabanye oonyana bokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uTsibha kukumkani, Njengoko ukumkani, inkosi yam, wamwisela umthetho umkhonzi wakhe, uya kwenza ngako umkhonzi wakho. Ke yena uMefibhoshete, utsho ukumkani, uya kudla etafileni yam njengomnye woonyana bokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani.