2 Samuel 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekuko isicaka sendlu ka‐Saule, esigama belingu‐Tsiba; baza bambiza eze ku‐Davide. Wandula ukumkani wati kuye: Wena ungu‐Tsiba na? Wayesiti: Isicaka sako singuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke endlwini kaSawule bekukho isicaka esigama linguTsibha. Bambizela kuDavide, wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi, Ngumkhonzi wakho lo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?” Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.”