2 Samuel 9:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati: Akuseko na umntu wendlu ka‐Saule, ukuba ndimenzele ububele bukatixo? Wati u‐Tsiba kukumkani: Kuseko unyana ka‐Jonatane, oqwalelayo ngenyawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani, Akukho bani wendlu kaSawule, endinokumbonisa inceba kaThixo? Wathi uTsibha kukumkani, Omnye unyana kaYonatan usisiqhwala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.” UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.”