2 Samuel 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akufika u‐Mefiboshete, unyana ka‐Jonatane, unyana ka‐Saule, ku‐Davide, wandula wawa ebusweni bake, waziqubuda. Wayesiti u‐Davide: Mefiboshete! Wati yena: Nasi isicaka sako!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete.Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda kuye. Wathi uDavide, Mefibhoshete! Wathi, Nanko umkhonzi wakho!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!” Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”