2 Samuel 9:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati kuye: Ungoyiki; ngokuba ndiya kukwenzela ububele ngenyaniso, ngenxa ka‐Jonatane uyihlo, ndibuyisele kuwe onke amasimi ka‐Saule uyihlo; nawe uya kumana ukudla isonka ngasetafileni yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kuba nemfesane kuwe ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo; ndiya kulibuyisela lonke ilizwe likaSawule uyihlo; kwaye niya kusoloko nisidla isonka etafileni yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”