2 Thessalonians 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makungabiko mntu onilukuhlayo nganye indawo: kuba umhla lowo ungayi kuza, xeshekweni kungeziyo upambuko tanci, aze atyilwe umntu wesono, unyana wentshabalalo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke loo mntu wesono, unyana wentshabalalo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala.