2 Timothy 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
enditi kanjalo ngenxa yalendawo ndizive ezizinto: andinantloni noko; ngokuba ndimazi lowo endibekile kuye itemba lam, ndikolwa kanjako ukuba unamandla ukugcina oko ndikubekeleyo kuye kude kube ngumhla lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto ndibandezelekayo; noko ke andinazintloni, kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kananjalo ndeyisekile kukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe.