2 Timothy 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko ke umsekelo ote nqi katixo umi, unaso isincamatiselo esi: Inkosi iyabazi abangabayo: nakanjako: Mabemke kokungalungileyo bonke abalikankanyayo igama lika‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, iNkosi iyabazi abangabayo. Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.”