2 Timothy 4:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ixesha liya kubako okuya bangayi kunyamezela ufundiso olunobomi; koko beya kuti ngokwezabo inkanuko bazifumbele abafundisi, bebaba indlebe nje;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo.