3 John 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku, xeshekweni ndizayo, ndo m kumbuza izenzo zake azenzayo, esiṙobozela ngamazwi olunya: oti kanjalo, engancanyiswa kuko oku, angabamkeli abazalwana yena ngokwake, nabo bafuna ukubamkela abalele, a ba ku̔pe kwa seṙementeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndoyikhumbula imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, akabamkeli abazalwana ngokwakhe, abathintele abo bathanda ukubalela, abakhuphe ebandleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.