3 John 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Demetriyusi unqi̔nelwe kakuhle ngabo bonke, nayiyo inyaniso: kanjalo nati siyanqi̔na; niyazi ke ukuba ukunqi̔na kwetu kuyinene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ke ukuba ubungqina bethu buyinene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.