Acts 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abesitsho kanjalo ukuti: Madoda ase‐Galili! yinina ukuba nimi nikangela ezulwini? lo u‐Yesu obenyuswa kuni wasiwa ezulwini, uya kuza njalo njengokuba nimbonile esiya ezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ayesithi ke, Madoda, maGalili, nimeleni na, nijonge ezulwini? Lo Yesu unyusiweyo kuni wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”