Acts 1:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza banika amaqashiso abo, lati iqashiso lawa pezu kwake u‐Matiya; waza wabalelelwa nabapostile abalishumi linamnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawisa amaqashiso abo; lathi iqashiso laphuma noMatiya;wabalelwa ndawonye nabapostile abalishumi elinamnye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawisa amaqashiso abo; laphuma iqashiso noMatiya; wabalelwa kwabapostile abalishumi elinamnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.