Acts 1:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ehlanganisene na bo wabayala ukuba mabangemki e‐Yerusaleme, mabalinde isibambiso soyise, — eso, watsho yena, enisivileyo kum:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso.