Acts 10:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubo: Niyazi kakulu nina okokuba kuyinto engafanelekileyo kumntu ongum‐Juda ukukolana nokudlelana nowesinye isizwe: kanti utixo undibonisile ukuba ndingabizi namnye umntu ngokungengcwele nangokunco̔lileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; ke yena uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga.