Acts 10:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndasendisiti ke kwa oko ndatuma kuwe; nawe ulungisile ukuba ufikile. Kaloku ngoko silapa tina sonke ebusweni bukatixo, ukuva zonke izinto uziyalelweyo ngutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithumele ngoko kwaoko kuwe; wenze kakuhle ngokufika kwakho. Ke ngoko sikho sonke apha phambi koThixo, ukuze sive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”