Acts 10:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
elingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, okokuba utixo wamtambisa ngomoya oyingcwele nangamandla; owacanda ilizwe esenza okulungileyo, epilisa bonke ababebandezelwa ngu‐Satane; ngokuba utixo ebenaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
okokuba uThixo wamthambisa njani uYesu waseNazarete ngoMoya oyiNgcwele nangamandla, owatyhutyha ilizwe, esenza okulungileyo, ephilisa bonke ababecinezelwe nguMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nivile ngoYesu waseNazarete owathanjiswa nguThixo ngoMoya oyiNgcwele waba namandla. Wayehamba kulo lonke, esenza okulungileyo, ebaphilisa bonke ababephantsi kwamandla omtyholi, kuba uThixo wayenaye.