Acts 10:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bekungekubo bonke abantu, bekukuwo amanqi̔na abebalulwe pambili ngutixo, kuti tina, esatyayo sasela ndawonye naye emveni kwokuvuka kwake ekufeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
kungekhona kubo bonke abantu, kodwa kumangqina awayenyulwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi ke thina, sadlayo sasela naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni.