Acts 10:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yena lo bonke abaprofite bayamnqi̔nela, ukuba bonke abakolwayo kuye baya kwamkela ukuxolelwa kwezono ngalo igama lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaye bonke abaprofeti bangqina ngaye ukuba ngegama lakhe bonke abakholwayo kuye bofumana uxolelo lwezono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”