Acts 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya wandixelela ukuba ndiye nawo, ndingatandabuzi nto. Kanjako bandipeleka nabazalwana aba abatandatu, saza sangena endlwini yendoda leyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto.Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba nam ke aba bazalwana bathandathu, sangena endlwini yendoda leyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMoya oyiNgcwele wathi mandihambe nawo loo madoda, ndingathingazi. Naloo makholwa mathandathu aseJopa aya kunye nam eKhesariya, safikela kwaKorneli sisonke.