Acts 11:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
eyasishumayeza okokuba ibibonile ingelosi endlwini yayo, eyema yati kuyo: Tuma amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yasichazela ukuba yasibona isithunywa sezulu endlwini yayo, simi sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, aye kubiza uSimon, ogama limbi linguPetros;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UKorneli wasixelela ngombono wakhe, apho isithunywa sezulu safika sathi kuye makathumele umntu eJopa, aye kubiza umfo ogama linguSimon Petros,