Acts 11:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owati efikile nje, nofefe lukatixo elubonile, wavuya, wabayala bonke ukuba mabati ngemvume yentliziyo banamatele kwinkosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba efikile khona, wabubona ububele bukaThixo ebantwini; waza wavuya wabalúleka bonke ukuba bathembeke, banyaniseke eNkosini ngeentliziyo zabo zonke.