Acts 11:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owati akuba emfumene, wamzisa e‐Antiyoki. Kwaza kwati, bahlanganisana neṙemente umnyaka upela, bafundisa isihlwele esikulu: kanjako abadisipile baqala e‐Antiyoki ukubizwa ngegama laba‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo.Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Ke kaloku kwathi, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kwaye abafundi babizwa ngokuba ngamaKristu kuqala kwa-Antiyokwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akumfumana, waya naye eAntiyokwe. Yaba ngunyaka wonke aba babini behlala phakathi kwebandla elo, baza baqeqesha iqela elikhulu. Kwakulapha eAntiyokwe apho abalandeli bakaYesu baqala ukubizwa ngokuba ngamaKrestu.