Acts 12:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Petrosi akubuya waziqonda, wati: Kaloku ndiyazi ngenyaniso, ukuba inkosi yatuma ingelosi yayo, yandihlangula esandleni sika‐Herodi, na kuko konke ukukangela kwabantu bama‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uPetros akuziqonda wathi, Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode, nakuko konke ukulindela kwabantu bamaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uPetros akuziqonda, wathi, Ngoku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlangula esandleni sikaHerode, nakuko konke ulindelo lwabantu bamaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuqabuka ebuthongweni uPetros wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba ngenene le nto yinyaniso! INkosi isithumele isithunywa sayo, sandihlangula egunyeni likaHerode, nakuzo zonke izinto amaJuda ebenqwenela ukuzenza kum.”