Acts 12:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko yena ebakobele ngesandla ukuba bati tu, wababalisela okokuba yati nina inkosi ukumku̔pa entolongweni. Waza wati: Shumayelani ezizinto ku‐Yakobi, nakubo abazalwana. Waza wemka, waya kwenye indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka, waza ke wabachazela indlela emkhuphe ngayo iNkosi entolongweni. Wabayaleza ukuba baye kuxela le nto kuYakobi nakwamanye amakholwa, waza yena wemka waya kwenye indawo.