Acts 12:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Herodi akuba ebemfunile, engamfumananga nje, wabuza abalindi, waxela ukuba bafiswe. Waza wehla e‐Judeya waya e‐Kesareya, wahlala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Waza uPetros wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, walibala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, wahlala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHerode wathi mabamfune, kodwa abazange bamfumane. Ngoko ke abalindi bancinwa, waza uHerode wagunyazisa ukuba babulawe. Emva kwesi singaneko ke, uHerode wemka kwaJuda, waya kuhlala eKhesariya okwexeshana.