Acts 12:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Herodi ebejalile ngakuwo ama‐Tire nama‐Tsidone: kodwa eza kuye ngentliziyo nye; ati etomalalisile u‐Balastusi obepezu kwenkambili yokumkani, acela uxolo; ngenxa yokuba ilizwe lawo belizuza ukutya kwelokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye; bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo, ngenxa yokuba ilizwe labo belisondliwa lelokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye, bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo; ngokuba ilizwe labo belisondliwa lilizwe lokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHerode wayengavisisani mpela nabantu baseTire nabaseSidon. Kwakuba njalo bavumelana ngokuthumela igqiza labameli. Lona laqala lavana noBlasto, induna yasebhotwe, laza langena ngaye ukudala imvisiswano. Babecela uxolo kuba ilizwe labo lalixhomekeke kummandla kaHerode ekufumaneni ukudla.