Acts 12:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaselimbeta kwa oko ingelosi yenkosi, ngenxa yokokuba akamnika utixo udumo: waza wadliwa zimpetu, wapuma umpefumlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Samthi qwaka ke kwalapho isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Samthi qwaka ke kwaoko isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngakonje ukuba batsho abantu, isithunywa seNkosi sambetha ngesifo uHerode, ngokuba engamnikanga mbeko uThixo. Wadliwa ziimpethu, wada wafa.