Acts 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo akuba embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kwamaqelana amane amasodati amane ukuba amlinde, efuna ukuti emveni kwepasika amr̔olele ebantwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukumzisa ebantwini emva kwepasika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ebanjiwe uPetros, wavalelwa entolongweni. Wanikelwa ukuba alindwe ngamajoni angamaqela amane angamane. UHerode wayezimisele ukumsa ematyaleni emva *kwePasika.