Acts 13:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati ke emveni kwokuleseshwa kwomteto nabaprofite abapati bendlu yentlanganiso batuma kubo, besiti: Madoda, bazalwana! ukuba ninalo ilizwi lokuyala ukuliteta ebantwini, tetani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.”