Acts 13:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni u‐Johane ebegqibela uhambo lwake, wayesiti: Nizindla ukuba ndingubanina? andinguye; koko, bona ke, kusiza emva kwam ozihlangu zenyawo ndingafanele mna ukuzitukulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Yabonani, kuza emva kwam endingafanelekileyo ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Kodwa, yabonani, uyeza emva kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’