Acts 13:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okokuba esi utixo usizalisekisile kuti lusapo lwabo, emvusile nje u‐Yesu; njengokuba kanjalo kuba̔liwe eculweni lesibini ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa: “ ‘Ungunyana wam wena; namhlanje ndikuzele.’