Acts 13:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kangelani, nina badeli! niti nqa, niti shwaqe; ngokuba umsebenzi ndiwusebenza emihleni yenu, umsebenzi eningasayi kukolwa nguwo, nakuba umntu ewushumayela kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka; Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khangelani, nina badeli, nimangaliswe, nitshabalale; ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife; kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenu yinto eningayi kukholwa yiyo nokuba ubani uthe wanichazela.’”